26. Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!
27. Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.
28. Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.
29. Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.
30. Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;ndandizele yimincili iimini ngeemini,ndivuya apho ecaleni kwakhe.
31. Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.
32. “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.