Izafobe 8:24-36 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.

25. Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;neenduli zilibone emva kwam ilanga.

26. Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!

27. Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.

28. Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.

29. Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.

30. Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;ndandizele yimincili iimini ngeemini,ndivuya apho ecaleni kwakhe.

31. Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.

32. “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.

33. Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko;sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo.

34. Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo;nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla,osoloko elindile emasangweni am phaya.

35. Ozuze mna ke ubufumene ubomi;uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.

36. Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile;kanti ke lowo undithiyileyo uthand' ukufa.”

Izafobe 8