Izafobe 8:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.

20. Ihambo yam bubulungisa bodwa;iindlela zam zifanelekile.

21. Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.

22. “Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.

23. Mna wandiqingqa kwasephakadeni,kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.

24. Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.

25. Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;neenduli zilibone emva kwam ilanga.

26. Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!

27. Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.

28. Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.

Izafobe 8