Izafobe 8:10-25 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.

11. Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.

12. “Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;ndixakath' ulwazi kunye nokulungelelanisa.

13. Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

14. Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.

15. Ewe, oozikumkani balawula ngam,neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.

16. Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.

17. Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.

18. Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.

19. Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.

20. Ihambo yam bubulungisa bodwa;iindlela zam zifanelekile.

21. Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.

22. “Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.

23. Mna wandiqingqa kwasephakadeni,kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.

24. Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.

25. Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;neenduli zilibone emva kwam ilanga.

Izafobe 8