10. Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.
11. Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.
12. “Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;ndixakath' ulwazi kunye nokulungelelanisa.
13. Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.
14. Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.
15. Ewe, oozikumkani balawula ngam,neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.
16. Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.
17. Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.
18. Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.
19. Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.
20. Ihambo yam bubulungisa bodwa;iindlela zam zifanelekile.
21. Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.
22. “Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.
23. Mna wandiqingqa kwasephakadeni,kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.
24. Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.
25. Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;neenduli zilibone emva kwam ilanga.