1. Yivani, nâbo ubulumko bumemeza!Nayo ingqiqo nantso izazisa.
2. Kaloku bumi ngasezindleleni phezu kweentaba;ewe, nabu buthe bhunxe eziphambukeni zeendlela.
3. Nabo bungxang' emasangweni edolophu;ewe, buyamemelela ekungeneni esixekweni:
4. “Hoyina, ndibhenela kuni, nina nonke luntu;ndiyanibiza nani, nzala yakwantu.
5. Kambe nani, ziyatha, fundan' ingqiqo,nani, nina zidenge, qalisan' ukuqonda.
6. Phulaphulani, kuba ndiza kutheth' izintw' ezibalaseleyo;yivani, kuba ndiza kuyixel' imfanelo.
7. Kaloku ngomlomo wam ndiza kutheth' inyaniso,kuba ke mna ndiyithiyil' inkohlakalo emilebeni yam.
8. Onke amazwi omlomo wam anyanisekile;ubuqhophololo nobuxoki abukho kuwo.
9. Kumntu oqondayo onke acacile;kwâbo baziyo onke alungile.
10. Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.
11. Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.
12. “Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;ndixakath' ulwazi kunye nokulungelelanisa.
13. Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.