13. Lo mfazi usuke wamgona umfana lowo, wamanga;ngobuso obungenazintloni wathi kuye:
14. “Ekhaya ndenze amadini obudlelwane;namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam.
15. Ndilapha nje ke bendikhangela wena,kambe ke ngoku nguwe lo, ndikufumene!
16. Nomandlalo wam ndiwulungisile;ndiwuthe wambu ngengayiwayo ilinen yaseJiputa.
17. Ewe, umandlalo wam sendiwuqholengoozimore, ikhala, ndawonye nesinamon.
18. Yiza ke, masibe seluthandweni kude kuse;ewe, masizonwabise ngalo!
19. Kaloku owakwam usathe tshalala;uthathe uhambo olude, akekho ekhaya.
20. Umke isipaji sakhe sizele yimali;uya kubuya ukuthwasa kwenyanga.”
21. Wamlalanisa ngaloo ntetho yakhe igudileyo,wamwexula ngamazwi ezicengo zakhe.