Izafobe 7:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Lo mfazi usuke wamgona umfana lowo, wamanga;ngobuso obungenazintloni wathi kuye:

14. “Ekhaya ndenze amadini obudlelwane;namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam.

15. Ndilapha nje ke bendikhangela wena,kambe ke ngoku nguwe lo, ndikufumene!

16. Nomandlalo wam ndiwulungisile;ndiwuthe wambu ngengayiwayo ilinen yaseJiputa.

17. Ewe, umandlalo wam sendiwuqholengoozimore, ikhala, ndawonye nesinamon.

18. Yiza ke, masibe seluthandweni kude kuse;ewe, masizonwabise ngalo!

19. Kaloku owakwam usathe tshalala;uthathe uhambo olude, akekho ekhaya.

20. Umke isipaji sakhe sizele yimali;uya kubuya ukuthwasa kwenyanga.”

21. Wamlalanisa ngaloo ntetho yakhe igudileyo,wamwexula ngamazwi ezicengo zakhe.

Izafobe 7