Izafobe 7:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mfo wam, wagcine amazwi am,uyimilisele kuwe imiyalelo yam.

2. Ukuba uyayilandela imimiselo yam uya kubudla ubomi.Ewe, imfundiso yam yilondoloze njengokhozo lweliso lakho.

3. Imiyalelo yam zikhumbuze ngayo ngokungathi ibotshelelwe eminweni yakho,ihlale ibhaliwe engqondweni yakho.

4. Yithi kubulumko: “Wena ungudade wethu,”kwingqiqo uthi: “Wena ungumwethu.”

5. Xa kunjalo ke uya kusinda kumfazi okrexezayo,ungabi nakufumaneka kumfazi wasemzini okulalanisayo ngamazwi.

6. Ndikrobe ngefestile yendlu yam,ndalunguza ndingasemva kwenqwanqwa,

7. ndabona abafana abaswele ukuqonda,phakathi kwabo ndaqaphela omnye osisityhakala.

8. Wahamba ke esitalatweni apho,waya kubhijela ngekona ngasendlwini yomfazi othile.

9. Ngelo xesha ke kwakungongcwalazi, imini seyisangene,ubusuku nobumnyama sebunkqonkqoza.

10. Nâko ke kusithi gqi umfazi emkhawulela,ethe wambu ezobuhenyukazi, eneenjongo ezigwenxa.

11. Wayengungantweni womfazi othethela phezulu,engunyawo lwambethe indlela.

Izafobe 7