Izafobe 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu,wabambana nomnye ngesandla,

2. waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho,wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho,

3. nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho:hamba uzithobe kuye,umbongoze akukhulule.

4. Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto,ungaphumli nokuphumla oku.

5. Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli,okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli.

6. Yiya embovaneni, vilandini;qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.

7. Kaloku yona ayinankosi,ingenamlawuli nankokheli,

8. kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako,izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.

9. Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo?Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?

10. Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,khe ndisonge izandla, ndiphumle.”

11. Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi.Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo!

12. Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimingungantweni wetshijolo.

Izafobe 6