Izafobe 30:3-19 Ibhayibhile (XHO96)

3. Zange ndabufunda ubulumko;andimazi lowo uyiNgcwele kanye.

4. Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla;ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya?Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe;ingubani khona owamisa imida yehlabathi?Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi!Ngubani igama lakhe;ingubani unyana wakhe?

5. “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;ulikhaka kwabazimela ngaye.

6. Musa ukongeza kwintetho yakhe,hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.”

7. Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe;ewe, ndiphe zona ndingekafi!

8. Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,

9. hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,ndihlazise igama likaThixo wam.

10. Isicaka sukusigxeka enkosini yaso,hleze sikushwabulele ube nobutyala.

11. Abanye abantu bayamshwabulela uyise,bangamthamsanqelisi nonina.

12. Bona bazicingela ukuba banyulu,kodwa babe bengazange bahlambuluka.

13. Aba bantu bazicingela bhetele.Awu, baziphakamisile kambe!

14. Basisizukulwana esimazinyo aziingxavula okwekrele,esimabamba abukhali okwemela,khon' ukuze baxhaphaze amahlwempu ehlabathini,ewe, nditsho abasweleyo phakathi kwabantu.

15. Ikhalane lineentombi ezimbini;zithi: “Ndiphe! Ndiphe!”Ewe, zintathu izinto ezingahluthiyo,gxebe, zine ezingasoze zithi: “Kwanele!”:

16. elabafileyo;umfazi ongafumani bantwana;umhlaba onxaniweyo;nomlilo ongatshoyo ukuthi: “Kwanele!”

17. Amehlo omntu ophoxisa ngoyise nocekisa ukuthobela uninaaya kuxholwa ngamahlungulu, anqwamzwe ngamaxhalanga.

18. Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum;gxebe, zine endingaziqondiyo:

19. ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni;ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni;ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle;ukuthandana komfana nentombi.

Izafobe 30