Izafobe 30:28-32 Ibhayibhile (XHO96)

28. Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho,kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani.

29. Zintathu izinto ezibukelekayo xa zihamba;gxebe, zine ezichul' ukunyathela:

30. yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana,yona ingahlehliyo nakweyiphi na into;

31. ngumqhagi ondolosayo;yinkunzi yebhokhwe;ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe.

32. Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa,okanye ukuba uthe waceba ububi,khawuthi xha!

Izafobe 30