Izafobe 30:17-28 Ibhayibhile (XHO96)

17. Amehlo omntu ophoxisa ngoyise nocekisa ukuthobela uninaaya kuxholwa ngamahlungulu, anqwamzwe ngamaxhalanga.

18. Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum;gxebe, zine endingaziqondiyo:

19. ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni;ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni;ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle;ukuthandana komfana nentombi.

20. Inje indlela yomfazi okrexezayo:Uyadla, asule umlomo,athi: “Andenzanga nto imbi!”

21. Zintathu izinto ezilishukumisayo ihlabathi;gxebe, zine elingenako ukuzinyamezela:

22. kukuba phantsi kwekhoboka eliye laba ngukumkani,okanye isiyatha xa sithe sahlutha kukutya;

23. kukuba phantsi kwebhinqa ebelingafunwa elide latshata,okanye isicakazana xa sithe sathatha indawo yenkosikazi yaso.

24. Kukho izinto ezine ezincinane emhlabeni,kodwa zilumke gqitha.

25. Iimbovane ziluhlanga oluethe-ethe,kodwa ziqokelela ukutya ehlotyeni.

26. Iimbila zisisizwe esingenamandla,kanti zimisa izindlu zazo emaweni.

27. Iinkumbi azinankosi,kodwa zihamba amaqela ngamaqela.

28. Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho,kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani.

Izafobe 30