7. Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
8. Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,atsho omelezeke amathambo akho.
9. Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.
10. Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo;kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha.
11. Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,ungasicekisi isiluleko sakhe.
12. Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.
13. Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.
14. Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva;nditsho negolide ayithathi nto kubo.
15. Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo.Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.
16. Kaloku isandla sabo sokunene siqhelezela bubomi,kanti kwesokhohlo buxakathe ubutyebi nesidima.
17. Iindlela zabo ziindlela ezimnandi;ewe, xa zizonke zizisa uxolo.
18. Bungumthi wobomi kwababambelela kubo;bonwabile abo babuzuzileyo.
19. Kaloku uNdikhoyo ihlabathi waliseka ngobulumko,namazulu ngokwawo wawazinzisa ngengqiqo yakhe.
20. Bubugcisa bakhe obagqabhuza iinzonzobila,namafu atsho afukama avuza umbethe.