Izafobe 3:27-35 Ibhayibhile (XHO96)

27. Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

28. Musa ukuthi kummelwane wakho:“Hamba, uze uphinde ubuye;ndiya kukunika ngomso,”kanti unalo uncedo kuwe.

29. Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.

30. Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,engakwenzanga nto imbi.

31. Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.

32. Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

33. UNdikhoyo uwushwabulele umzi womntu okhohlakeleyo;kanti ke wona umzi welungisa uyawuthamsanqela.

34. Ke bona abantu abagxekayo uphoxisa ngabo,aze abenzele isisa abo bazithobayo.

35. Abantu abalumkileyo baya kulidla ilifa udumo;ke zona iziyatha ziya kwambathwa lihlazo.

Izafobe 3