Izafobe 3:24-32 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ngokuhlwa uya kungqengqa ungaphaphazeli,ulale uthi yoyi ubusuku bonke.

25. Awuyi kuba sayixhalela intshabalalo equbulayo,ngokunjalo nesibetho esifikela izikhohlakali.

26. Kaloku uNdikhoyo uya kukugcina ukhuselekile;soze aluyekele unyawo lwakho lungene emgibeni.

27. Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

28. Musa ukuthi kummelwane wakho:“Hamba, uze uphinde ubuye;ndiya kukunika ngomso,”kanti unalo uncedo kuwe.

29. Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.

30. Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,engakwenzanga nto imbi.

31. Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.

32. Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

Izafobe 3