Izafobe 29:10-25 Ibhayibhile (XHO96)

10. Izibulala-mntu zimthiyile umntu onyanisekileyo,ke bona abathe ngqo bayamkhusela umntu onjalo.

11. Isiyatha asiwulawuli umsindo;kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.

12. Ukuba umlawuli nguthoba-sikutyele,onke amaphakathi akhe oba ngoongcothoza.

13. Ihlwempu ndawonye nalowo ulingcungcuthekisayobafana ngale nto yokuba bobabini banikwe amehlo abonayo nguNdikhoyo.

14. Ukumkani ogweba ityala lehlwempu ngokunyanisekileyoulawulo lwakhe luya kuhlala luzinzile.

15. Uswazi lokululeka ludala ubulumko;kambe ke umntwana ongaqeqeshwayo umzisela ihlazo unina.

16. Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono,kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.

17. Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola,aze ayivuyise intliziyo yakho.

18. Abantu abangenawo umbono kaThixo baba ziindlobongela;phofu ke unoyolo umntu owuthobelayo umthetho kaThixo.

19. Akuncedi nto ukulingxolisa ikhoboka,kuba nokuba liyaqonda aliyi kuphulaphula.

20. Uyambona na umntu othetha nje engaqiqanga?Akunani kwaisityhakala kunaye.

21. Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo,ekugqibeleni liya kukudela.

22. Umntu ofan' acaphuke udala ingxabano;umfo onephuku uwa ewile esonweni.

23. Ikratshi liyamwisa umntu;kambe ke othobekileyo uba nesidima.

24. Ihlakani lomntu olisela lizibeka emngciphekweni;nakuba lisazi ukuba liza kohlwaywa nguThixo noko lithe cwaka.

25. Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

Izafobe 29