Izafobe 28:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela,sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.

16. Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli;ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.

17. Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;makungabikho bani umxhasayo.

18. Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.

19. Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.

20. Umntu othembekileyo uyathamsanqeleka;kanti ke yena ongxamele ubutyebi akaze abe msulwa.

21. Ukujonga ubuso akulunganga;kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.

Izafobe 28