Izafobe 27:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Yoba luvuyo kum, mfo wam, ukuba uthe waba sisilumko;ndotsho ndibe nako ukubaphendula abo bandigxekayo.

12. Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

13. Zithathe izambatho zomntu omele ityala londwendwe;ewe, bambisa ngazo kuba umele umntu wasemzini.

14. Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekusenikusenokuba ngathiuyamshwabulela.

15. Umfazi osoloko eqhwaya ingxabanoufana namathontsi emvula engumvimbi.

16. Unjengomoya wona ungenakunqandwa,nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.

17. Iintsimbi ziyalolana;ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

18. Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.

19. Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

20. Ingcwaba nelabafileyo alize lihlĂșthe;akwanjalo namehlo omntu.

21. Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.

22. Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,soze ubukhuphe ubutyhakala baso.

Izafobe 27