Izafobe 27:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Musa ukuqhayisa ngengomso,kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.

2. Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo;ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho.

3. Amatye nesanti ngumthwalo onzima;kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.

4. Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango;kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.

5. Akunani kwaisiluleko esisekuhlenikunothando olufihlwayo.

6. Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise;siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.

Izafobe 27