Izafobe 26:3-21 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ihashe liyabethwa, ke yona idonki ilawulwa ngomkhala,kanti ke sona isinyabi sivuswa ngentonga.

4. Sukuphendulana nesiyatha,hleze nawe lo uzibhaqe sewufana naso.

5. Xa umntu ebuza umbuzo wobudenge mlinganisele,hleze azicingele ukuba usisilumko.

6. Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisanqwa nokuzinqumla imilenze.

7. Iqhalo emlonyeni womntu ongaqondiyolifana nomlenze ojingayo wesiqhwala.

8. Ukuncoma isityhakalanqwa nokubophelela ilitye *kwinkwitshi.

9. Iqhalo emlonyeni wesiyathanqwa nesebe elinameva esandleni senxila.

10. Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo,ufana nejoni elidubula nje nabani na.

11. Umntu ophinda-phinda into yobudengenqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.

12. Akunani kwaisityhakalakunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.

13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”

14. Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzolinjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.

15. Ivila liyakha esityeni,kodwa linqene ukufaka emlonyeni.

16. Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo;kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.

17. Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanyeufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.

18. Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo

19. umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”

20. Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.

21. Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle;ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.

Izafobe 26