25. Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi,kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.
26. Nokuba angayifihla intiyo yakhe ngenkohliso,kodwa inkohlakalo yakhe yona iya kudandalaza esidlangalaleni.
27. Umntu owomba umngxuma kweyela kwayena kuwo.Lowo uqengqa ilitye losuka ligubungele kwayena.
28. Umntu onolwimi uyabathiya abo abenzakalisayo;umntu okhohlisayo udala intshabalalo.