Izafobe 26:11-26 Ibhayibhile (XHO96)

11. Umntu ophinda-phinda into yobudengenqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.

12. Akunani kwaisityhakalakunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.

13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”

14. Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzolinjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.

15. Ivila liyakha esityeni,kodwa linqene ukufaka emlonyeni.

16. Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo;kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.

17. Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanyeufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.

18. Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo

19. umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”

20. Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.

21. Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle;ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.

22. Amazwi omntu ohlebayo anencasa;abantu basuka bawathi bimbilili.

23. Amazwi alalanisayo efihla inkohlakalonqwa nesitya somdongwe esigqunywe ngesiliva ngaphandle.

24. Umntu onentiyo usenokuyifihla ngendlela athetha ngayo,kodwa ngaphakathi abe esabambelele enkohlakalweni.

25. Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi,kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.

26. Nokuba angayifihla intiyo yakhe ngenkohliso,kodwa inkohlakalo yakhe yona iya kudandalaza esidlangalaleni.

Izafobe 26