Izafobe 26:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo,ufana nejoni elidubula nje nabani na.

11. Umntu ophinda-phinda into yobudengenqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.

12. Akunani kwaisityhakalakunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.

13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”

14. Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzolinjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.

15. Ivila liyakha esityeni,kodwa linqene ukufaka emlonyeni.

16. Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo;kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.

17. Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanyeufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.

18. Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo

19. umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”

20. Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.

Izafobe 26