Izafobe 26:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo,ufana nejoni elidubula nje nabani na.

11. Umntu ophinda-phinda into yobudengenqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.

12. Akunani kwaisityhakalakunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.

13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”

14. Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzolinjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.

15. Ivila liyakha esityeni,kodwa linqene ukufaka emlonyeni.

16. Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo;kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.

17. Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanyeufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.

Izafobe 26