19. Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usenkathazwenikufana nezinyo elonakeleyo nonyawo oluqhwalelayo.
20. Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.
21. Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;lwakunxanwa, luphe amanzi.
22. Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,*noNdikhoyo wokuvuza.
23. Umoya wasentla uzisa imvula,kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.
24. Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
25. Iindaba ezimnandi ezivela kwelikudezihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.
26. Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyoloo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.
27. Ukubutya kakhulu ubusi akulunganga;kukwanjalo ukuhlala uzifunela imbeko.