Izafobe 25:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda:

2. Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo;kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi.

3. Njengokuphakama kwesibhakabhaka nobunzulu bomhlaba,zikwanjalo ukungabi nakugocagocwa iingcamango zookumkani.

4. Wakuyicwenga isiliva,nengcibi itsho ikwazi ukuyisebenzisa;

5. akukhiqwa amaphakathi aphuthileyo,ulawulo lokumkani lutsho ludume ngokuzinza.

6. Xa ukomkhulu musa ukuzigqatsa;sukuhlala endaweni yezikhulu.

7. Kaloku kubhetele ukuba yena athi: “Nyukela apha,”kunokuba akususe kwindawo yezikhulu amatshawe ebukele.

Izafobe 25