28. Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,okanye ukhohlise ngomlomo wakho.
29. Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”
30. Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.
31. Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.
32. Ndakha ndee nqumama ndawubukela loo mhlola,ndacinga nzulu ndaza ndafumanisa ukuba