19. Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.
20. Kaloku umenzi wobubi akanakamva;isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.
21. Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,ungadlelani nabavukeli.
22. Kaloku bona babhanga ngephanyazo,ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.
23. Nanga amanye amazwi ezilumko:Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.
24. Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.
25. Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyouba nentsikelelo kunye nenkqubela.
26. Impendulo ethe gcanqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.
27. Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,emva koko wakhe indluyakho.
28. Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,okanye ukhohlise ngomlomo wakho.