Izafobe 24:16-24 Ibhayibhile (XHO96)

16. Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.

17. Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,ungavuyi xa ulubona lukhubeka,

18. hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,awurhoxise umsindo wakhe kulo.

19. Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.

20. Kaloku umenzi wobubi akanakamva;isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.

21. Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,ungadlelani nabavukeli.

22. Kaloku bona babhanga ngephanyazo,ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.

23. Nanga amanye amazwi ezilumko:Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.

24. Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.

Izafobe 24