Izafobe 22:5-17 Ibhayibhile (XHO96)

5. Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe;ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.

6. Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

7. Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.

8. Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko,nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.

9. Umntu onezinwe uyathamsanqeleka,kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.

10. Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano,ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.

11. Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayouyathandwa nditsho nangukumkani.

12. Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi;ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.

13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!Ndobulawa ezitalatweni!”

14. Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi;ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.

15. Ingqondo yomntwana idla ngokunxaxha,kodwa ke into emlulekayo luswazi.

16. Omnye ucinezela amahlwempu ngeenjongo zokwandisa ubutyebi bakhe,wumbi anikezele ngezipho kwizinhanha, kodwa bobabini baphelela ebuhlwempini.

17. Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko,imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho.

Izafobe 22