Izafobe 22:21-29 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso,utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.

22. Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze;futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.

23. Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo,abaphange abo babaphangayo.

24. Musa ukuhlobana nomntu onephuku;sukuhambisana nonkom' iyahlaba.

25. Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka,nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.

26. Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa,umele ityala lomnye umntu.

27. Kaloku xa ungasenako ukuhlawulauya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo.

28. Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudalaowamiswa ngookhokho bakho.

29. Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani,akasoze asebenzele abantu abangenagama.

Izafobe 22