2. Umntu osisityebi nomntu olihlwempu ikho into ebadibanisayo:kaloku bobabini badalwe nguNdikhoyo.
3. Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe;ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.
4. Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
5. Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe;ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.
6. Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,soze ahlukane nayo naxa selekhulile.
7. Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.
8. Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko,nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.
9. Umntu onezinwe uyathamsanqeleka,kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.
10. Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano,ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.
11. Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayouyathandwa nditsho nangukumkani.
12. Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi;ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.
13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!Ndobulawa ezitalatweni!”
14. Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi;ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.