11. Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayouyathandwa nditsho nangukumkani.
12. Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi;ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.
13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!Ndobulawa ezitalatweni!”
14. Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi;ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.
15. Ingqondo yomntwana idla ngokunxaxha,kodwa ke into emlulekayo luswazi.
16. Omnye ucinezela amahlwempu ngeenjongo zokwandisa ubutyebi bakhe,wumbi anikezele ngezipho kwizinhanha, kodwa bobabini baphelela ebuhlwempini.
17. Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko,imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho.
18. Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho,ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi.
19. Ndikwazisa wona ke namhlanje,ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo.
20. Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu,ziqulethe ubulumko namacebiso.
21. Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso,utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.
22. Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze;futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.
23. Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo,abaphange abo babaphangayo.