6. Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.
7. Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.
8. Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.
9. Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
10. Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.
11. Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.
12. UThixo olilungisa uyazazi izinto ezenzeka kwimizi yabantu abakhohlakeleyo,yaye ke eya kuzibhangisa izikhohlakali ngenxa yobubi bazo.
13. Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibikanaye akayi kuhoywa xa esengxakini.