25. Ivila elingafuni kusebenza lizibulala ngokwalo;kaloku izandla zalo ziqhokriwe ekusebenzeni.
26. Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.
27. Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka,ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.
28. Ingqina elixokayo liyabhanga;kanti ke lona ilizwi lomntu onyanisekileyo lihlala lihleli.
29. Umntu okhohlakeleyo unobuganga bokuzicingela ukuba uyayazi into ayenzayo,onyanisekileyo uyayicingisisa ihambo yakhe.