24. Umntu akanako ukuyiqonda indlela ayihambayo,kuba amabakala obomi bakhe axhomekeke kuNdikhoyo.
25. Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.
26. Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,abanyhashe oku kwevili lokubhula.
27. Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.
28. Ukumkani ukhuselwa kukunyaniseka nenceba;isihlalo sakhe sobukhosi sixhaswa bububele.
29. Isihomo samadoda amatsha ngamandla awo;kanti ke sona isithozela samadod' amakhulu zizimvi.