Izafobe 2:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ukuba neembono eziphangaleleyo kuya kukugcina;ukuqonda kuya kukukhusela,

12. utsho ukhwebuke ekwenzeni izinto ezigwenxa,usinde kubantu abaphembelela iinkathazo –

13. nditsho asebazilahlayo iindlela ezithe ngqo,asebehamba ngeendlela zobumnyama.

14. Abo ke bangabantu abavuyayo xa besenza into embi,abayichwayitelayo imikhwa ephuthileyo yobubi.

15. Ewe, aba bantu ngamaqhophololo;iindlela zabo zingamagoso-goso.

16. Ngenene uya kutsho usinde kumfazi ongakwaziyo ukuziphatha,umfazi wasemzini omazwi alalanisayo.

17. Nditsho lowo ungathembekanga nasendodeni awazimanya nayo kwasebutsheni bakhe,ongawukhathalelanga nomnqophiso awawenza phambi koThixo wakhe.

Izafobe 2