Izafobe 19:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.

8. Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

9. Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.

10. Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?

11. Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.

12. Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.

13. Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.

14. Indlu nobutyebi lilifa looyise,kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.

15. Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.

16. Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

17. Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;uNdikhoyo uya kumbuyisela.

18. Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.

19. Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.

Izafobe 19