Izafobe 19:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.

24. Ivila liyakha esityeni,kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.

25. Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;isilumko siyafunda sakululekwa.

26. Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,ngunyana olihlazo nonamanyondololo.

27. Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,uya kuphulukana namazwi anolwazi.

28. Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.

29. Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.

Izafobe 19