Izafobe 17:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.

22. Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

23. Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,usuke ke wona umthetho ugqwetheke.

24. Umntu onengqondo unonophela ubulumko;ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.

25. Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.

26. Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.

27. Umntu onengqondo uyawakhetha amazwi akhe,kanti ke nomntu oqondayo uhlala epholile.

28. Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.

Izafobe 17