Izafobe 17:2-16 Ibhayibhile (XHO96)

2. Isicaka esinobulumko sifumana amagunya ngaphezu konyana oza namahlazo,size naso sibe nenxaxheba elifeni njengabanye oonyana.

3. Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.

4. Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.

5. Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.

6. Abazukulwana libhongo lookhokho,kanti ke igugu labantwana ngabazali.

7. Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.

8. Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.

9. Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

10. Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.

11. Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.

12. Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.

13. Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.

14. Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.

15. Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.

16. Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?

Izafobe 17