Izafobe 17:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.

20. Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.

21. Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.

22. Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

23. Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,usuke ke wona umthetho ugqwetheke.

24. Umntu onengqondo unonophela ubulumko;ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.

25. Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.

26. Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.

Izafobe 17