Izafobe 15:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. Umlomo wesilumko usasaza ulwazi;phofu ke akunjalo kwintliziyo yesityhakala.

8. Amadini omntu okhohlakeleyo alisikizi kuNdikhoyo,kambe ke uyayamkela imithandazo yabantu abathe ngqo.

9. UNdikhoyo uyazicaphukela iindlela zabantu abakhohlakeleyo,kodwa uyabathanda abo bathene mbende nezinto ezifanelekileyo.

10. Umntu ophambukayo endleleni wohlwaywa qatha;ke yena okuthiyileyo ukululekwa uya kufa.

11. Ingcwaba nelabafileyo azifihlakalanga kuNdikhoyo;zibeka phi ke ukungafihlakali iingcamango zomntu kuye?

12. Abagxeki abafuni kucetyiswa,bengafuni nokuya nakwizilumko.

13. Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.

14. Umntu onengqondo usoloko elangazelela ukufunda;kanti ke sona isidovela saneliswa kukumatha.

15. Yonke imihla yomntu olusizana ngamabona-ndenzile,kambe ke kumntu ochwayithileyo ubomi busoloko bufana netheko.

16. Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyokunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

17. Xa ukho umoya wobudlelwana akunani nokuba utya imifuno,ndaweni yokutya inyama yenkomo etyetyisiweyo ikhatshwa yintiyo.

18. Umntu onephuku uphembelela uqhushululu;kanti ke yena onomonde uyayiphelisa ingxabano.

19. Indlela yevila soloko ibekelwe ameva;phofu ke yona eyabathe ngqo iphangalele.

20. Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;ke yena umntu osisiyatha uyamdela unina.

21. Umntu ongabhadlanga engqondweni uvuyiswa bubi,ke yena onengqondo ihambo yakhe ithe ngqo.

Izafobe 15