11. Ingcwaba nelabafileyo azifihlakalanga kuNdikhoyo;zibeka phi ke ukungafihlakali iingcamango zomntu kuye?
12. Abagxeki abafuni kucetyiswa,bengafuni nokuya nakwizilumko.
13. Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.
14. Umntu onengqondo usoloko elangazelela ukufunda;kanti ke sona isidovela saneliswa kukumatha.
15. Yonke imihla yomntu olusizana ngamabona-ndenzile,kambe ke kumntu ochwayithileyo ubomi busoloko bufana netheko.
16. Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyokunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.
17. Xa ukho umoya wobudlelwana akunani nokuba utya imifuno,ndaweni yokutya inyama yenkomo etyetyisiweyo ikhatshwa yintiyo.
18. Umntu onephuku uphembelela uqhushululu;kanti ke yena onomonde uyayiphelisa ingxabano.
19. Indlela yevila soloko ibekelwe ameva;phofu ke yona eyabathe ngqo iphangalele.
20. Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;ke yena umntu osisiyatha uyamdela unina.
21. Umntu ongabhadlanga engqondweni uvuyiswa bubi,ke yena onengqondo ihambo yakhe ithe ngqo.
22. Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.
23. Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.
24. Indlela yomntu onengqondo isinga phezulu ebomini;yena uyayiphepha indlela ehlayo eya kwelabafileyo.
25. UNdikhoyo uyayidiliza imizi yabantu abanekratshi;kanti ke uyawukhusela umhlaba womhlolokazi.
26. UNdikhoyo uyazicaphukela iingcinga zabantu abagwenxa;kanti ezabanyulu zamkelekile kuye.
27. Umntu onyolukileyo uyihlisela inkathazo indlu yakhe;ke yena okuthiyileyo ukunyotywa uya kudla ubomi.