1. Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.
2. Izilumko ziphokoza ulwazi xa zithethayo;kanti ke zona izityhakala zithulula ubudenge.
3. UNdikhoyo uyazibona zonke izinto ezenzekayo;ubakhangele abenza okubi nokulungileyo.
4. Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.
5. Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.
6. Ubutyebi buyagcinakala emzini womntu olungileyo;kanti ke yona ingeniso yesikhohlakali isiphathela inkathazo.
7. Umlomo wesilumko usasaza ulwazi;phofu ke akunjalo kwintliziyo yesityhakala.
8. Amadini omntu okhohlakeleyo alisikizi kuNdikhoyo,kambe ke uyayamkela imithandazo yabantu abathe ngqo.
9. UNdikhoyo uyazicaphukela iindlela zabantu abakhohlakeleyo,kodwa uyabathanda abo bathene mbende nezinto ezifanelekileyo.
10. Umntu ophambukayo endleleni wohlwaywa qatha;ke yena okuthiyileyo ukululekwa uya kufa.
11. Ingcwaba nelabafileyo azifihlakalanga kuNdikhoyo;zibeka phi ke ukungafihlakali iingcamango zomntu kuye?
12. Abagxeki abafuni kucetyiswa,bengafuni nokuya nakwizilumko.
13. Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.
14. Umntu onengqondo usoloko elangazelela ukufunda;kanti ke sona isidovela saneliswa kukumatha.
15. Yonke imihla yomntu olusizana ngamabona-ndenzile,kambe ke kumntu ochwayithileyo ubomi busoloko bufana netheko.