7. Musa ukutshomana nomntu osisiyatha,kuba awuyi kuzuza nto ibhadlileyo emlonyeni wakhe.
8. Ubulumko bomntu onengqondo bumenza ayichane indlela yakhe;ukumatha komntu osisityhakala kubanga inkohliso.
9. Idini letyala elenziwa zizimathane yintlekisa,kanti ke abathe ngqo baxhamla imvisiswano.
10. Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra,kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo.
11. Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa;ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela.
12. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
13. Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa,nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala.
14. Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo,kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.
15. Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke;kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.
16. Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo;ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.
17. Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge;umntu onobuqhophololo uyathiywa.
18. Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala;ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.
19. Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo,bakhahlele emasangweni amalungisa.
20. Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane;kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.
21. Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!
22. Abayi kulahleka na abo bayila ububi?Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.
23. Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.