Izafobe 14:2-16 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ohlonela uNdikhoyo uhamba ngokuthe tye;ke yena omdelayo iindlela zakhe ziphambukile.

3. Umntu onekratshi ukuthetha kwakhe kumhlisela ukohlwaywa;ke wona amazwi esilumko ayasikhusela.

4. Apho kungekho nkabi zankomo umkhombe wesitali uba zé;ngamandla enkabi yenkomo kunokuzuzwa ingeniso eninzi.

5. Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.

6. Umgxeki ubufuna ancame ubulumko,kanti ke yena umntu oqiqayo uluzuza lula ulwazi.

7. Musa ukutshomana nomntu osisiyatha,kuba awuyi kuzuza nto ibhadlileyo emlonyeni wakhe.

8. Ubulumko bomntu onengqondo bumenza ayichane indlela yakhe;ukumatha komntu osisityhakala kubanga inkohliso.

9. Idini letyala elenziwa zizimathane yintlekisa,kanti ke abathe ngqo baxhamla imvisiswano.

10. Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra,kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo.

11. Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa;ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela.

12. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

13. Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa,nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala.

14. Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo,kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.

15. Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke;kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.

16. Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo;ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.

Izafobe 14