1. Umfazi onobulumko uyawakha umzi wakhe;kanti ke yena ongenangqondo uyawuchitha ngezakhe izandla.
2. Ohlonela uNdikhoyo uhamba ngokuthe tye;ke yena omdelayo iindlela zakhe ziphambukile.
3. Umntu onekratshi ukuthetha kwakhe kumhlisela ukohlwaywa;ke wona amazwi esilumko ayasikhusela.
4. Apho kungekho nkabi zankomo umkhombe wesitali uba zé;ngamandla enkabi yenkomo kunokuzuzwa ingeniso eninzi.
5. Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.
6. Umgxeki ubufuna ancame ubulumko,kanti ke yena umntu oqiqayo uluzuza lula ulwazi.