4. Ivila liyanqwenela lingazuzi nto noko;kambe yena umntu okhutheleyo uyalangazelela aneliseke.
5. Ilungisa libuthiyile ubuxoki,ukanti yena umntu okhohlakeleyo uthanda amanyondololo namahlazo.
6. Ubulungisa bulondoloza ihambo yomntu othe ngqo;kanti ke inkohlakalo iyambhukuqa umoni.
7. Abanye abantu ngathi zizityebi kanti abananto;bambi ke ngathi bahlwempuzekile kanti ke bemi kakuhle.
8. Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.
9. Isibane selungisa siqaqambile;ke sona esomntu okhohlakeleyo siyancumeza.
10. Ikratshi liphembelela ingxabano;ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.
11. Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.
12. Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.
13. Umntu ozidelayo iziluleko uzibizela intshabalalo;kambe ke yena owuhlonelayo umyalelo uya kuba nomvuzo.
14. Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.