Izafobe 13:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Unyana osisilumko uyayithobela ingqeqesho kayise;ke yena ongumgxeki akakufuni ukululekwa.

2. Umntu ufumana ulutho axhamle isiqhamo sokuthetha kwakhe;kambe ke wona umnqweno wabantu abanganyanisekanga bubundlobongela.

3. Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.

4. Ivila liyanqwenela lingazuzi nto noko;kambe yena umntu okhutheleyo uyalangazelela aneliseke.

5. Ilungisa libuthiyile ubuxoki,ukanti yena umntu okhohlakeleyo uthanda amanyondololo namahlazo.

6. Ubulungisa bulondoloza ihambo yomntu othe ngqo;kanti ke inkohlakalo iyambhukuqa umoni.

7. Abanye abantu ngathi zizityebi kanti abananto;bambi ke ngathi bahlwempuzekile kanti ke bemi kakuhle.

8. Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.

9. Isibane selungisa siqaqambile;ke sona esomntu okhohlakeleyo siyancumeza.

10. Ikratshi liphembelela ingxabano;ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.

Izafobe 13