Izafobe 12:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.

2. Umntu oziphethe kakuhle uyathandwa nguNdikhoyo,kambe ke akamfuni umntu onamayelenqe.

3. Akakho umntu onokuzinza eqamele ngenkohlakalo;kambe ke wona amalungisa amila abe neengcambu ezingenakugungqiswa.

4. Umfazi ofanelekileyo yintshinga yendoda yakhe;ke yena umfazi oyithwalela amahlazo indoda yakhe ufana nempehla emathanjeni ayo.

5. Iingcinga zamalungisa zinyanisekile;ke wona amacebo ezikhohlakali yinkohliso.

6. Amazwi abantu abakhohlakeleyo ngawokulalela igazi;kambe ke wona amazwi abantu abathe ngqo ayasindisa.

7. Sakukhiqwa isikhohlakali iyaphela intw' ebithethwa;kambe ke yona indlu yamalungisa ima imi.

8. Umntu onengqondo uxatyisiwe;phofu ke yena osisidodo ngengqondo akazelwe nto.

9. Kulungile ukuba ngongenagama, kodwa noko unaso isicaka,kunokuzenza isinhanha kodwa ulamba.

10. Umntu olilungisa uyazazelelela iimfuno zezilwanyana zakhe;kodwa nezona zenzo zingathi zihle zesikhohlakali ziba ngqwabalala.

11. Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya;kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto.

12. Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi;ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma.

13. Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa;ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni.

14. Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe;kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye.

15. Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo;ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa.

Izafobe 12